Umqolomba omkhulu ozele ngamathambo abantu, intolongo edume ehlabathini jikelele nenye yeendawo ezinkulu zokulondolozwa kwenda!o eAfrika - ngaba ezi ndawo zifana ngantoni? Zonke ziseMzantsi Afrika yaye kutshanje zichongwe njengeeWorld Heritage Sites
IiWorld Heritage Sites zinomtsalane kubakhenkethi abasebenzisa imali bavule namathuba emisebenzi ebantwini balapho.
nciawo lingaphindwa kahlanu ukuya eshumini emva kokuba zifakwe kuluhlu lweeWorld Heritage Sites -nto leyo sele isenzeka kwisiqithi saseRobben lsland.


Isiqolc Sobintu -iSterkfontein Caves
Ubutyebi baseSterkfontein buziziphumo zendalo nezithethe. Kwimiqolomba ekulo mmandla bekusoloko kufumaneka izinto ezininzi kwiminyaka edlulileyo yaye ngoku ibizwa ngokuba Sisiqalo Sabantu kuba iingcali zesayensi zikholelwa ukuba abantu baqala khona ukubakho.
Kule ndawo kufunyenwe
lsiqithi esincinane saseRobben tsland ebesivalela abantu ababesilwela inkululeko sityelelwa ngabantu abangama-250 000 ngonyaka.

amathambo amadala abantu ababekhona ngaphambi kokuba kubekho esi sizukulwana sikhona ngoku. Elinye lamathambo afunyanwa khona Iukhakayi olwafunyanwa nguGqr. Robert Broom ngo-1 947 waza walinika igama lokuba ngu-Mrs PIes alithathela kwigama lakhe elithi Plesianthropus.
Emva kweminyaka engamashumi amane kamva unyawo lwabantu bamandulo olwalugcinwe kakuhle lwaboniswa ihlabathi, Iwaza lwanikwa igama lokuba yi-Little Foot. Ngo-1998 ihlabathi Iive ukuba
BONA XHOSA - April 2000 41


AbancumHeyo emva kokukhwela esikhepheni -ngoononclaba uSibonelo Nzimande, uNonhlanhla Ndwanclwe, uSheila Mhlongo, uSibongile Mdadane noMbongeni Khuzwayo
amathambo olo nyawo afunyenwe. Ummandla waseSterkfontein
awutsali abakhenkethi nje kuphela. Njengoko ukufutshane nenye yeecloiophu ezinkulu emazantsi eAfrika, oko kuwenza ube kwimeko entie kakhulu.
Kufurieka sicinge ngokutsha ukuba abantu nezinto zendalo banxulumene njani yaye sigxininise ekunikeni amandla abantu abahlelelekileyo, itshilo iMEC yaseGauteng uMary Metcalfe,
lngcingane engokutyunjwa kweeWorld Heritage Sites yenzelwe ukongeza ukubaluleka kokuZalwa Ngokutsha kweAfrika ukuze kubonakale ukubaluleka kwelizwekazi laseAfrika -njengendawo Esisiqalo Sabantu.


lsiqilo seNkuiuleko -Robben lsland
l-Robben lsland ilupriawu oludumileyo ehlabathini lomzabalazo wenkululeko nempumelelo yawo - kwaye iye yakhethwa njengenye yeendawo ekuza kuqhutyelwa kuyo imibhiyozo yenkulungwane nyakenye.
Ngemini eyandulela iNyibidyala uNelson Mandela wanika ikhandlela lenkululeko uMongameli Thabo Mbeki. Esi siqithi sakhe sachazwa nguMnu. Mandela ngokuba yindawo yaseMzantsi Afrika
yokucinezela abantu sinobukhulu obuziihekthare ezingama-575 yaye simele ukucinezelwa kwabantsundu kweli kunye nabo babechasene nako. U-Ahmed Kathrada oyinkokeli yeEx-Political Prisoners Committee uthi esi siqithi sifanele sithatyathwe njengendawo emele impumelelo yoMzantsi Afrika omtsha othathe indawo yomdala.
KucIaIa esi siqithi saba yintolongo. Kukholelwa ekubeni ibanjwa lokuqala elavalelwa kuso yinkokeli yamaKhoikhoi, uAutshumato owabhangiswa nguMlawuli wamaDutch uJan van Riebeeck owayetyholwa ngokuba iinkomo ngeminyaka yoo-1 650. Abanye abantu abakhe bavalelwa apho kwiinkulungwane ezine ezidlulileyo baquka amakhoboka aseAngola neenkosi ezazingafuni ukuDhathwa ngamaNgesi
Ngeminyaka yoo-i 800 amaNgesi ayegcina iinkokeli zamaxhosa nezamakoranna ezazibanjwa kwiimfazwe zeFrontier Wars. Umprofethi wamaXhosa uNxele
(owayebizwa ngokuba nguMakana), oyevalelwe khona ngenxa yokukhokela amaNdlambe xa ayehlasela iGrahamstown ngo-1819, wazama ukuqhwesha namanye amabanjwa angama-30 ngamaphenyane amathathu. lphenyane labo latshona elwandle yaye uMakana wayephakathi kwamabanjwa atshonayo arhaxwa ngamanzi. Wahlala eluphawu lomzabalazo yaye esi siqithi maxa wambi sibizwa ngokuba sisiQithi sikaMakana.
Phakathi ko-1961 no-1991 ekwakhululwa ngawo amabanjwa opolitiko, angaphezu kwama-3 000 amadoda ayevalelwe apho, kwaye amanye avalelwa ngaphezu kweminyaka engama-25. Ayengamalungu emibutho equka
iANC, iPAC, 1SACP, INUM, iSWAPO, iAZAPO neUDF.
Amabanjwa aquka uMandela namanye ayesebenza nzima esimba inkwali kweso siqithi. Nangona ayesebenza nzima amabanjwa apho kodwa oko kusebenza kwakuwanika
Sigcine ubutyebi
beh1abati
Ulondolozo lwendalo
lwenza abantu baqhubeke nokuloba nokukha iingcongolo yaye oko kunokuba nomtsalane kubakhenkethi.
42 BONA XHOSA - April 2000


ithuba lokuncokola nelokufundisana ngopolitiko.
lAobben lsland Museum evulelwe uiuntu ngeNyibidyala ka-1997 iborwa njengendawo yokufunda neyenza impikiswano ngezinto ezingamafa, imfundo noqeqesho kunye nenyaniso noxolelaniso.
IRobben lsland inezakhiwo ezingaphezu kwe-1 00, isakhiwo esasifudula siyintolongo, izinto ezashiyeka kwiSecond World War, isikhululo sombane neendlela eziziikhilomitha ezingama-35. lzakhiwo zecawe, amangcwaba neerdawo ezingamahlathi endalo zisetyenziselwa ukwenza iinkonzo, ukhenketho neenkqubo zokubuyisa izinyanya. Ababefudula bengamabanjwa baqeshwe kwimiyuziyam yaye abatyeleli bayakhuthazwa ukuba bathethe nabo.
lnani labantu abatyelela esi siqithi Iinyuke ukusuka kwi-1 00 000 ngo-1997 laya kwi-188 000 ngo-1998, aza laya kuma-250 000 ngo-1 999. Kulincleleke ukuba kutyelele abantu abangama-400 000 ngonyaka kwakugqitywa ukuphuculwa kwesi siqithi ngo-2003/4.
lsisele ekwakuvaleiwe kuso uAandela eyi-2,7m x 1 ,8m eB section sesona sinomtsalane ongathethekiyo kubakhenkethi. Kodwa le dendeba ilumkisa ngelithi, Andiyithandi into yokuba abantu abeza eAobben Island bacinge ngomntu omnye ibe iyindawo emele izizukulwana ngezizukulwana
zabantu ababesilwela inkululeko abanye ababevalelwe ngoo-i 659.


lsiqalo Sobukle - iGreater
St 1ucia Wetland Park
Emva kokuba ikhethwe njengeworid Heritage Site, iSt Lucia kuqhutyelwe kuyo umnyhadala womculo ovule amathuba emisebenzi ethutyana engama-800 ebantwini abahlelekileyo baseDukuduku Forest - nabakhe baxabana nabasemagunyeni ngenxa yokuhlala emhlabeni obekeiwe ukulondolozwa kwendalo.
Lo mnyhadala wawenzelwe elwandle wawungumzekelo wokungonakaliswa kwale ndawo ngabakhenkethi nenokusetyenziswa kwizinto ezahlukeneyo. Ezinye izinto ezenziwayo kuyo kukubuka izilwanyana zasendle, ukubukela iintaka namahobe nikhwele ezimotweni okanye emaphenyaneni; ukuqubha; ukuphefumla ngombhobho uphantsi kwamanzi nescuba-diving; uhambo lokusela umoya emini nasebusuku; ukuhlala kwiikharavani neentente; neentlanganiso zeecawe ezinjengokuphehlelelwa kwabantu abaninzi.
Le paki ikwindawo ntle
enokunyusa inani labakhenkethi
yaye ivule amathuba emisebenzi nto leyo iza kuphucula imeko yoqoqosho.
IGreater St Lucia Wetland Park eziihekthare ezingama-239 566 inamawaka-waka eminyaka isetyenziswa ngabantu, kodwa ayizange ikhe isetyenziswe ngabantu abaninzi. Lo mmandla wangena phantsi kwamaZulu ngexesha iobukumkani bukaShaka.
Ngo-1989 inkampani ethile yafuna ukomba e-Eastern Shores State Forest, kodwa emva kwempikiswano enkulu akuzange kuvunywe oko kuba kwakuza kwenzakalisa Io mmandla.
lkomiti eyayijongene nokuphuculwa kwawo ukuze utsale abakhankethi yathi abantu abakufutshane nawo kufuneka babe negalelo ekuphathweni kwawo ukuze bancedakale.
Uninzi lwabahlali balapria sele beqeshwe ngamashishini okhenketho, bathengisa izinto abazakhe ngezandia, bathengisa iziqhamo kubakhenkethi ukanti abanye baneendawo zokuhlala eziqeshwa ngabakhenkethi.
Kuthiwa ukufakwa kweSt Lucia kuluhlu lweeWorld HeritageSites kuwuncediie uMzantsi Afrika ngokuthi mayingambiwa ukuze iphuculelwe ezokhenketho. Le paki inemigxobhozo emithathu edume kwihlabathi liphela, iLake St Lucia, izilwanyana zaselwandle uninzi lwazo olusecicini lokutshabalalana. Uninzi Iwezilwanyana nezityalo ezifumaneka eGreater St Lucia zifumaneka eMzantsi Afrika nakwaZulu-Natal kuphela.
lyindawo yokuhlala imikhombe emnyama, iingwenya zaseNile eAfrika, amahobe amnyama -ineentaka ezingama-521, amabhabhathan angama-1 96, iikorale ezingama-129 kunye neendidi ngeendidi zeentlanzi zili-1 000.
lyindawo entle enamahlathi aluhlaza, iindawo ezinamanzi ezikufutshane noiwandle nendawo ezele ziincembu,
BONA XHOSA - Aprll 2000 43
Zonke ezi zinto uzibona apha zinokusingenisela imali kwaye zikwayinxalenye yamafa eli lizwe.



uMi ke
imoto yam endandiyiqeshile yaye eyakhe ivuza ipetroti, wabe uTyson eme ecaleni kwam ogqume amehlo ekhwankqisiwe.
Ui<ungqubana i<weemoto zethu kwakungabangelwanga yimpazamo kaTyson, ukanti kwakungeyiyo nempazamo yam. lmoto yakhe yayiqhutywa ngumhlobo wakhe
Uycibithcindi cibcintu bciseNgil.cini Tyson
NgaDa usiviie
isilumkiso! - Esi
sisilumkiso
esibhalwe ngesandla kwideshbhocii
yemoto kaTyson...
I
 MOTO eyijaguar kaMike Tyson exabisa i- 000 ingqube imoto
yam... kwaye emva koko bendingazi
nokuba ndiya kuphila na ukuze ndibalise eli baii.
UTyson uyayithanda iXJ220 yakhe kangangokuba kwideshbhodi kukho umbhalo obhalwe ngesanclla othi:
Ukuba uyabuthanda ubomi bakho, 44 BONA XHOSA - April 2000
ungayichukumisi.
Ngaphambili le ndoda yoyikiwayo ndathi ndincokola nayo yandilumkisa ngelithi: Ayichui<unyiswa mntu imoto yam. Babini kuphela abantu abanolu hlobo lwemoto eMelika - ndim noBilI Gates.
Ngale mini imoto yakhe yabingqube

